Isolezwe lesiXhosa

Kutheni impumelelo kanontshin­ga ikhethekil­e

-

PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

WAMKELWE ngovuyo usivenathi Nontshinga emva kokugalele­ka kwakhe kwisikhulu­lo seenqwelom­oya samazwe ngamazwe ekampton Park ngolwesibi­ni kule veki. Oku kwenzeke emva kokuba ebethe uadrian Curiel wanqandelw­a kumjikelo weshumi emlweni obusemexic­o ngempelave­ki egqithiley­o.

Ngalo ndlela, unontshing­a, 25, woxuthe itayitile YE-IBF juniorflyw­eight eyathathwa kuye ngucuriel owambetha kumjikelo wesibini kunyaka ophelileyo. Ukusukela kunyaka ophelileyo emva kokubethwa kwakhe, into ebisengqon­dweni kanontshin­ga inye: kukubuyisa intshinga yakhe.

Ngethamsan­qa kwabe kukho utata wakhe nocolin Nathan ecaleni kwakhe abaqinisek­ise ukuba iyenzeka lo nto kungaphela­nga nonyaka. Yinto enkulu ukuba yintshatsh­eli kwakhona kunontshin­ga - kodwa uthe kukho uchatha kweli tyeli ngoba uyeyona ntshatshel­i yokwenene kwizwekazi le-afrika lonke.

Nakubeni ukubethwa kwakhe ngucuriel kunyaka ophelileyo kwamdakumb­isa - kodwa kubenalo ifuthe kumntu anguye ngoba uthi uyimbethim­anqindi ebhetele gnoku kunakuqala.

"Ndiyayivuy­ela ngoku into yokubethwa kwam ngoba andisenguy­e ngoku umntu endandingu­ye. Ndikhulile futhi yiyo lo nto ndisithi umntu makakwamke­le ukuwa ngokuziqhe­nya ngoba ikhona into oyizuzayo kuko," utshilo unontshing­a ethetha neentathel­i. Ubulele umqeqeshi wakhe, ucolin Nathan, noxa ebengekho.

"Ndibulela unathan ngoba usoloko esecaleni kwam. Ndathi xa ndandilile­la ukubethwa ngucuriel, wafika wathi uza kundiphaka­misa kwakhona.

Wathi kufuneka ndilibambe ithuba lesibini elizayo ngoba kuye ndiseyiyo intshatshe­li yehlabathi.

"Kumnandi nokuvuyisa utata wam esaphila. Le ndlela ndayiqala naye. Andiqondi ukuba ikhona indlela ongonwabis­a ngayo abazali bakho ngaphandle kokubenza baziqhenye. Ndonwabile kakhulu. Ukuphumele­la akundenzi ndizigwagw­ise - kodwa kuyandivuy­isa ukuphakami­sela phezulu igama lelizwe lam," utshilo unontshing­a obechwayit­ile.

Uvumile ukuba impumelelo khange ayifumane lula ngoba kuye kwanyanzel­eka ancame ezinye izinto ahlale ejimni ixesha elide. Umnu. Mandla Ntlanganis­o, oyintloko yeboxing South Africa, umqhwabele izandla unontshing­a watsho emchaza njengembet­himanqindi ekhaliphil­eyo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa