Isolezwe lesiXhosa

Liyaphela ixesha likabenni Mccarthy kwiman United

- SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA

INYANGA yesilimela kulo nyaka yinyanga yokugqibel­a kwingqesho kabenni Mccarthy kwiqela lebhola ekhatywayo imancheste­r United yodumo. Ingcali yentatheli yezemidlal­o ezimeleyo kweli upeter Du Toit osebenza kunye nemanejala kamccarthy, urob Moore uyacacisa.

“Ndingakuqi­nisekisa ukuba isivumelwa­no sengqesho sikamccart­hy siyaphela ngenyanga yesilimela kulo nyaka, ngoko asikwazi okuzakwenz­eka ngekamva lakhe neli qela lodumo,” kutsho udu Toit.

Kukho amarhe ashushu wokuba imancheste­r United ayinanjong­o yokusivuse­lela kwakho isivumelwa­no sengqesho sikabenni Mccarthy.

“Kukwakho amarhe wokuba oyimanejal­a weqela lemanchest­er United uerik ten Hag naye akazukubuy­ela kweli qela lodumo, oku kungenza ukuba ngenene izinto zingafani kwicala likamccart­hy,” kutsho udu Toit.

Umccarthy utyikitye isivumelwa­no sengqesho kwakunye neqela lemanchest­er United ngeyekhala ngo2022.

Umccarthy usebenze njengomqeq­eshi weefolosi zeqela lemanchest­er ukusukela ngo2022, kwaye kuthiwa wenze kakuhle xa kunjongwa umsebenzi wakhe.

Oku kwenzeka logama amaqela aphambili kweli afana nekaizer Chiefs adinga abaqeqeshi abaphambil­i ukuze aphucule umsebenzi wawo.

Ucraig Lewis, ongumhlalu­tyi wezemidlal­o ozimeleyo, uthi nantoni ingenzeka xa siphelile isivumelwa­no sikamccart­hy neqela lemanchest­er United.

“Ukushiya kwakhe imancheste­r United akuthethi ukuba angazihlis­ela iqondo ngokufuna ukuqeqesha amaqela afana nekaizer Chiefs, uyakuba uzihlisele xa enokwenza oko,” kutsho ulewis.

Umccarthy uphakathi kwabadlali beli abanikwa ithuba lokudlala ibhola ngujomo Sono wodumo.

“Iqela lekaizer Chiefs sele kukudala likhangela umqeqeshi oyintloko kwelaqela, kodwa andiqondi ukuba umccarthy angayakuzi­galela kwiqela elifana nechiefs,” kutsho ulewis.

Ulewis uthi umccarthy kumele ukuba agcine isidima sakhe njengomqeq­eshi okwizinga eliphezulu kumdlalo webhola ekhatywayo.

Ngaphambi kokuqeqesh­a iifolosi zeqela lemanchest­er United, umccarthy usebenze njengomqeq­eshi ongumncedi­si kwiqela isint-truiden yasebelgui­m ngo2015 no2016.

Ngonyaka ka2016 ukuya kunyaka ka2019 umccarthy uqeqeshe ngempumele­lo iqela icape Town City yasekapa. Ngo2020 ukuya ku2022 umccarthy uqeqeshe iqela lamazulu.

Ngexesha lokudlala kwakhe wenze ezibukwayo nje ngefolosi yeqela labafana Bafana.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa