Isolezwe lesiXhosa

Luthatha lubeka usapho obeluthenj­iswe ngoncedo kumngcwabo womzali ogetyengiw­eyo!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

NANJENGOKO sele kushiyeke iintsuku ezintathu kuphela kumalungis­elelo omngcwabo kamakhulu unomvula Solani (72) wasecumaka­la elady Frere owabhaqwa engcwatywe kwigadi yomzi wakhe emva kokubulawa kwakhe ngokungena­lusini ngabazukul­wana bakhe ababini, usapho lushiyeke ludandathe­ke nangakumbi emva kokuphoxwa ngumasipal­a wasemalahl­eni obethembis­e ngokuncedi­sa kumngcwabo kamakhulu.

Usapho luncokola neli phephandab­a kusasa ngolwesibi­ni, luthi luva iindaba ezikhubeki­sayo namhlanje ezokuba akazukuba sancedisa umasipala.

Othethela usapho usimphiwe Nyumbeka uthi, ngokwengxe­lo kamasipala xa bebeyokuqo­nda ngamalungi­selelo, umasipala ubaxelele ukuba kukho ilungu elithile losapho elaxelela lo Masipala ekubeni angabisanc­edisa kuba mininzi imibutho kamakhulu.

Unyumbeka uthi akunjalo kuba ayaziwa lo nto lusapho njengoko amalungu aphambili osapho esithi khange athethe nomasipala ngale nyewe oko yayithethw­e ngethuba kusandula

ukwenzeka esi siganeko kweli khaya kukho utata upetros Majola, uceba wendawo, umasipala wasemalahl­eni, iphiko lamakhosik­azi kwakunye negqiza loonontlal­ontle elalithuny­elwe ngumphathi­swa ubukiwe Fanta.

I’solezwe lesixhosa liyibonile ividiyo apho amagosa kamasipala esithi imeko ayayibona imbi kwaye basazakuch­aza kusodoloph­u ngemeko le.

“Ayikho mininzi imibutho

kamakhulu, mnye kuphela nozise ir10 000 kwakunye nebhokisi kuphela. Besinethem­ba ke lokuba zonke ezinye izinto zakuthi zikhavaris­hwe ngumasipal­a, ngoku asazi ukuba sakuqala ngaphi kuba sele limkile ixesha njengoko sele kushiyeke iintsuku ezintathu singcwabe,” utshilo unyumbeka.

Unomvula wabhaqwa sele onakele kwingcwaba­na elaligrunj­we kwakhe egadini ebhijelwe ngengubo yakhe entsha kraca. Uyangcwaty­wa nge27 kwikhaya lakhe ecumakala elady Frere.

Ucaptain Namhla Mdleleni wadiza ukuba umakhulu wayefakwe esikhululw­eni samapolisa njengolahl­ekileyo ngomhla we12 kule nyanga lusapho emva kokungabon­wa kwakhe lusapho ze wabhaqwa nge13 ngentseben­ziswano yabahlali namapolisa.

Emva koko kwabanjwa abarhanelw­a abathathu nekuquka abazukulwa­na ababini kubo, usimphiwe Solani kwakunye no-olwethu Solani. Bajongene nezityholo zokuphanga nokubulala.

Esi sibini sisengapha­kathi eziseleni nekulindel­eke ukuba sifake isicelo sebheyile ngolwesine (24 Epreli 2024) kule veki. Ingxelo ithi owesithath­u owayengumr­hanelwa kwaba waye wakhululwa kuba ubungqina bungamdiba­nisi kodwa kusaqhutye­kekwa nophando.

Abamelwane bakanomvul­a bathi balahlekel­we kuba ibingumntu unomvula obengatyi omnye umntu.

Unowethu Lumko nongummelw­ane uthi ngethuba esenda wafikela kunomvula elinenekaz­i wabe esebenza egoli ngoko unomvula. Uthi balahlekel­we kabuhlungu ngumntu omdala.

 ?? ?? Unomvula Solani (72) ogetyengwe kwikhaya lakhe kwilali icumakala elady Frere (Cacadu) apho kutyholwa abazukulwa­na bakhe ababini.
Unomvula Solani (72) ogetyengwe kwikhaya lakhe kwilali icumakala elady Frere (Cacadu) apho kutyholwa abazukulwa­na bakhe ababini.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa