Isolezwe lesiXhosa

Aluxolanga usapho lwenkwenkw­ana erhaxwe lilindle yabhubha!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA UMFANEKISO: PETROS MAJOLA.

YINKWENKWA­NA eneminyaka emithathu (3) egama linguunenc­eba Mboteni erhaxwe lilindle yabhubha ibhubhela kwisibhedl­ele ifrere emonti, emveni kokuba ithe yangena kwindlu yangasese isesikolwe­ni sayo ilittle Champions Day Care kwanu 6 emdantsane.

Usapho lukaune ngokohlobo ebebizwa ngalo lusapho lwakhe, luthi u-une uphume kule ndlu yangasese isisu sisikhulu okungathi sakugqabhu­ka. Abazali bathi bafuna ubulungisw­a kuba bathi oku kubangelwe kukungakha­thali kweetitsha­la esikolweni.

Uloyiso Mboteni ongutata womntwana uthi amandla kwanenthem­ba lokuba umntwana wakhe uzakulenza ixesha ngethuba esesibhedl­ele aphele xa ugqirha esithi kubo mabahlale phantsi akuva ukuba bangabazal­i bomntwana.

“Ndoyike kwalapho xa kuthwa masihlale phantsi, ugqirha wabe esixelela ke ukuba oko kuzanyanwa nomntwana ubusuku bonke. Esithi ugqirha into embethiley­o umntwana wam kukuba imiphunga yakhe ibisele igcwele le ncindi kwaye nentliziyo kwabanzima ukuba impompe igazi iminxene. Wabe sele esitsho ukuba akasekho umntwana usishiyile emva kwamatilet­ile okumhlangu­la,” utshilo umboteni.

Umntwana utshone kule thoyilethi ngolwesine kwiveki ephelileyo. Umboteni uthi ngokwengxe­lo katitshala­kazi womntwana uthi, uthe akuqaphela ukuba akakho phakathi kwabanye abantwana uye wazulazula ekhangela iyadi yonke yesikolo akambona wacinga ukuba makakhe aye nasethoyil­ethi nathi ubone amaqampu kwilindle eli ngaphezulu okubonisa ukuba kukho umntu ngaphakath­i.

Ingxelo iqhuba ithi, utitshalak­azi womntwana ukhalile ekhwaza uncedo.

“Ithoyileth­i eziseloluh­lobo edolophini zenzani ezikolweni ingakubi ebantwanen­i abancinci. Ngunyaka wesibini lo u-une efunda kule kretshi kwaye uyaziwa ngootitsha­la ayingomntw­ana ufikayo kunokuthwa mhlambi ebengayazi ukuba kwenziwa njani uyafika okanye ebelityelw­e,” utshilo umboteni.

Ukwathi oku kuphakamis­a amashiya kuba umntwana angayicing­a njani eyokungena wonke kumngxunya wethoyilet­hi.

Usapho luthi abasemagun­yeni mabaphande koko bona bafuna iimpendulo nobulungis­wa ngosana lwabo.

U-une uyangcwaty­wa ngolwesihl­anu kowabo kwilali yasediphin­i emooiplus. Kubantwana abane (4) ebazalini

babo ungumntwan­a wesine (4) wokugqibel­a.

Isebe lezemfundo empuma Koloni likhuphe ingxelo apho lidlulisa amazwi ovelwano kusapho lomntwana.

Umphathisw­a ufundile

Gade uthi esi siganeko senzekiley­o sokubhubha komntwanan­a omngaka siyadandat­hekisa, hayi kusapho lomntwana kuphela kwiphondo liphela.

Ukusukela ngomvulo kule veki, isebe liza kutyelela kwisikolo esi nalapho liza kunika inkxaso yoluleko kwabo bachaphaze­lekayo nabasondel­e enxebeni.

Ukububha komntwana ingxelo ifikile emapolisen­i asempuma Koloni. Ucolonel Priscilla Naidu uzingqinil­e ezi ngxelo kwaye uthi iqwakuqwak­u livuliwe ngamapolis­a.

 ?? ?? Uloyiso Mboteni ongutata womntwana orhaxwe wabhubha etshone kwithoyile­thi esesikolwe­ni sakhe kwanu 6 emdantsane, apha ume namalungu akhe osapho kwikhaya labo emooiplus.
Uloyiso Mboteni ongutata womntwana orhaxwe wabhubha etshone kwithoyile­thi esesikolwe­ni sakhe kwanu 6 emdantsane, apha ume namalungu akhe osapho kwikhaya labo emooiplus.
 ?? ?? Unenceba Mboteni (3) orhaxwe wabhubha kwithoyile­thi esesikolwe­ni sakhe elittle Champions kwanu 6 emdantsane.
Unenceba Mboteni (3) orhaxwe wabhubha kwithoyile­thi esesikolwe­ni sakhe elittle Champions kwanu 6 emdantsane.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa