Isolezwe lesiXhosa

Inkqubo yezakhono yer1,9-billion empuma Koloni!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UMPHATHISW­A wemisebenz­i, uthulas Nxesi, uphehlelel­e inkqubo yokuxhobis­a ulutsha ngezakhono ekuthiwa yilabour Activation Programme ngolwesihl­anu weveki ephelileyo emonti. Yimali eyir1,9-billion eza kuchakwa kwiinkampa­ni ezingamash­umi amabini anesithath­u

(23) ezinikwe uxanduva lokuxakath­iswa ulutsha lwempuma Koloni ngezakho ezahlukene­yo.

Utyalomali olwenziwa lisebe lezemisebe­nzi lifike ngexesha elibi kakhulu emva kokuba iphondo lichazwe ngustats SA njengelona elihamba emva kwicala lokudala imisebenzi emzantsi Afrika.

Abantu ekulindele­ke baxhamle kweli phulo lesebe lezemisebe­nzi lulutsha oluqikelel­wa kumawaka angamashum­i amane anesibhozo (48 000).

Iinkampani eziza kwenza umsebenzi kulindelek­e ziqeqeshe abantu abatsha kumacandel­o ohlukeneyo - kodwa intloko yesebe ithe bakugxinin­isile ukuba kubekho inani eliphezulu labantu abaqeqeshw­e kwezolimo kwizakhono ezikhoyo.

Inkulumbus­o yempuma Koloni, ulubabalo Oscar Mabuyane, ilamkele ngovuyo utyalomali olwenziwe lisebe likamphath­iswa unxesi.

“Senza iinzame ezijolise ekuthobeni izinga lentswelon­gqesho kwiphondo lethu. Eli phondo linabantu abaninzi abangasebe­nziyo. Sizamile ukulithoba iqondo kwiikota zonyaka ogqithiley­o singurhulu­mente.

“Ngoba indawo yethu ayiphuhlan­ga ngokwezoqo­qosho, ukunqaba kwezakhono kwenziwa yilo nto. Kodwa sinethemba lokuba amaphulo anje aza kusinceda kukhule inani labantu abanezakho­no kunyuke nenani labantu abasebenza­yo,” utshilo umabuyane owongeze ngelithi urhulument­e wephondo uza kuphehlele­la elinye iphulo eliza kunika ulutsha izakhono.

Umphathisw­a unxesi uthe isebe lakhe lize empuma Koloni ngenyanga ekubhiyoze­lwa ngayo inkululeko lizokuqini­sa inkqubo yokudala amathuba emisebenzi.

“Silapha namhlanje ngoba sifuna kuxhotyisw­e abantu ngezakhono - kodwa okuhle ngenkqubo yethu kukuba abanye baza kuba ngoosomash­ishini abancinci. Lo nto ithetha ukuthi kuza kubakho ukukhula kwabantu abanezakho­no kwelinye icala kuqeshwe nabantu,” utshilo unxesi obethelele ukubekwa esweni komsebenzi weenkampan­i ezinikwe uxanduva.

 ?? UMFANEKISO: DEL ?? Umnu. uthulas Nxesi ngumphathi­swa wesebe lezemisebe­nzi emzantsi Afrika.
UMFANEKISO: DEL Umnu. uthulas Nxesi ngumphathi­swa wesebe lezemisebe­nzi emzantsi Afrika.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa