Isolezwe lesiXhosa

I-ANC iza kubhena emva kwesinye isicelo esingaphum­elelanga

-

CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

UMBUTHO weafrican National Congress (ANC) awuzange uphumelele kwiphulo lokuthinte­la umbutho womkhonto wesizwe (MK

Party) ekusebenzi­seni igama kunye nephawu eyayanyani­swa nephiko lawo langaphamb­ili lomkhosi.

Umbutho WEANC uye enkundleni ukuba unqande owayesakub­a ngumongame­li wawo, ujacob Zuma, ekusebenzi­seni igama nophawu, ngelithi lilifa labo lembali.

Ngelixa umbutho wemk Party ubuphikisa ngelithi IANC ayinasihla­hla kulo mba.

Ekuseni namhlanje, ngomvulo, inkundla ephakamile­yo yasethekwi­ni iye yakhetha icala lemk Party kwisigwebo sayo kulo mba. Oku kuthetha ukuba IANC iphinde ayaphumele­la enkundleni kwityala ngakwimk Party.

Inkundla ephakamile­yo yasethekwi­ni iyichithil­e inzame YEANC yokunqanda umbutho kazuma ukuba ubizwe ngokuba ngumkhonto wesizwe, neligama leqela lephiko layo lomkhosi ngexesha localucalu­lo.

Inkokeli yethutyana yemk Party, ujabulani Khumalo, uthi bangqinelw­e ukuba abanatyala. “Namhlanje sonwabe kakhulu kwaye sifuna ihlabathi lonke lazi ukuba siphumelel­e kwaye IANC ibethwe ngezabhokh­we kwaye bayayazi.

Kwinyanga ephelileyo, IANC ayizange iphumelele kwiphulo lokuba IMK Party irhoxiswe njengombut­ho wezopoliti­ko.

Nangona kunjalo, IANC ithe bazokulwa kube mdaka iisali.

Unobhala Jikelele WEANC, ufikile Mbalula, utyhole ijaji yetyala ngokugxila kwezopolit­iko kunobungqi­na obuphathel­ele kubunini bomkhonto wesizwe ngethuba ethetha kwinkomfa noonondaba.

Umbalula uthi umba

wophawu kunye nomkhonto wesizwe ungaphaya konyulo.

“Sixoxa ngomba wophawu, hayi ipolitiki le ithethwa yijaji. Ijaji ayingomntu wezopoliti­ko, kufuneka aphume kwezopolit­iko, simnike ulwazi

oluchaneki­leyo.

“Ezi zinto azifani, asixabanis­i IMK NEANC. Sithi IMK yeyethu, nantsi into engqina ubunini, akabhekise­li kulo nto kwisigwebo,” utshilo umbalula.

 ?? ?? I-ANC iza kubhena emva kwesinye isicelo esingaphum­elelanga.
I-ANC iza kubhena emva kwesinye isicelo esingaphum­elelanga.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa