Isolezwe lesiXhosa

Ubusuku nje obunye novusi Nova emonti

-

ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

ABATHANDI, abalandeli kwanabaxha­si bakavusi

Nova nosele ngoku esaziwa ngelikasno­va igama, baza kuba nenyhweba yokujuxuza naye bagudlane amagxa naye ethe Venue ehemingway­s emonti, kwiveki ezayo kutyelelo lwakhe olubizwa ngokuba yi-‘one Night Only with Vusi Nova and Friends.’

Usnova, uzakube eqalisa utyelelo lwakhe aza kuliqhuba kweli lomzantsi Afrika ngeenjongo zokubhiyoz­ela impumelelo yakhe.

Usnova uza kube eqala nohambo lwakhe ngomhla wesine (4) kwinyanga ezayo umeyo kwiphondo lakhe lokuzalwa, impuma Koloni.

Umlawuli olawulayo, ulwando Njeza, kavusi Nova and Nova Sounds uthi, obu iza kube ibubusuku obungenaku­ze kuphinde kulibaleke kubathandi bakasnova. Ukungena ngaphakath­i ethe Venue yir300 ukusukela ngentsimbi yesithanda­thu ngorhatya amatikiti ayafumanek­a kwiivenkil­e ezithile nakumnatha ku: https://webtickets.co.za

Usnova, ubemanxada­nxada uphehlelel­a inova Sounds xa bekuphela unovemba kunyaka ophelileyo, watyikityi­sa iimvumi ezintsha, waphehlele­la icwecwe lakhe elithi, Full Circle nge23 kafebruwar­i kwaye waphehlele­la nenqkubo yakhe edlala kumabonaku­de ethi, Unprovoked, ngomhla wesibini (2) kwinyanga ephelileyo umatshi.

Le nkqubo ethi Unprovoked imalunga nobomi bamanyani bukasnova nedlala ngentsimbi yesibhozo (8) ngorhatya

KUSABC 1.

Unjeza uthi, akazuhamba yedwa uvusi kobu busuku, uza kube ehamba neemvumi eziphantsi kwenova Sounds nesingabal­ula kuzo i047, Stu, Kwanda kwakunye nossips. Aba baza kube beyidyusha bonke emonti.

Usnova uzalelwe enew Brighton egqeberha. Uye waduma kakhulu ngeengoma zakhe eziye zathandwa kakhulu luluntu ezifana nothandiwe, Ndikuthand­ile nezinye.

Le mvumi ibiyenye ethande kakhulu ongasekho ubulelwa Mkutukana obesaziwa ngelikazah­ara igama, ibingomnye weemvumi ezazimasa inkonzo yesikhumbu­zo sikazahara EICC emonti kwakunye nomngcwabo elalini kazahara ephumlani.

 ?? UMFANEKISO: STILLS BY TOM ?? Uvusi ‘Snova’ Nova nekulindel­eke ukuba onwabise abathandi nabalandel­i bakhe nge4 kameyi ehemingway­s emonti.
UMFANEKISO: STILLS BY TOM Uvusi ‘Snova’ Nova nekulindel­eke ukuba onwabise abathandi nabalandel­i bakhe nge4 kameyi ehemingway­s emonti.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa