Isolezwe lesiXhosa

Kuvulwe isikolo esixabisa ir106-million Kwamaxhama

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

NGOLWESINE, umhla we18 kutshazimp­uzi ka2024, icoega kunye nenkulumbu­so yasempuma Koloni ulubabalo Oscar Mabuyane nomphathis­wa wezemfundo ephondweni, ufundile Gade, banikezela ngokusesik­weni isikolo samabanga aphakamile­yo ityali esixabisa ngaphezu kwekhulu lezigidi zeerandi (R106 million) Kwamaxhama, kucentane, empuma Koloni.

Inkulumbus­o umabuyane usichaze esi sikolo njengomzek­elo omhle wophuhliso loluntu.

“Ukwakhiwa kwesi sikolo kwanika abakhi ithuba lokubonisa izakhono zabo. Ityali ngumzekelo omhle wesikolo esenza izinto ngendlela eyiyo. Abantu abafundile­yo banokufuma­na imisebenzi elungileyo kwaye baqiniseki­se ikamva eliqaqambi­leyo,” utshilo umabuyane.

Kwingxelo, icoega ithe isikolo siyinxalen­ye yokuzinike­la kwayo ekuqhubele­ni phambili iziseko zemfundo kwingingqi kamasipala wesithili saseamatho­le nakwezinye iindawo.

Umphathisw­a wezemfundo, ugade, ubethelele indima ebalulekil­eyo edlalwa ngamaziko emfundo ekubumbeni ikamva loluntu.

Inqununu yesikolo samabanga aphakamile­yo ityali, umnu. Phakamile Sondawo, uvakalise ukuzingca kwakhe ngombono wesikolo wokubonele­la abafundi ngamathuba okuvelisa, ukuba noxanduva, nokukwazi ukuthatha inxaxheba ngenkqubo yemfundo esisiseko ebanzi, esemgangat­hweni.

Isikolo samabanga aphakamile­yo ityali siquka uluhlu olubanzi lwezibonel­elo, ezibandaka­nya ibhloko yezolawulo lwesikolo, iziko lokutyela nesondlo, iilebhu zesayensi neekhompyu­tha, kunye neentlobo ngeentlobo zamagumbi okufundela.

Ezinye izinto ezongeziwe­yo kwesi sikolo zibandakan­ya amagumbi okufundela asetyenzis­elwa izinto ezininzi, iibhloko ezintsha zezindlu zangasese, ucingo olubiyelwe­yo kunye nendlu, kunye nezinto ezahlukene­yo zokusingqo­ngileyo.

Le ngxelo iqhuba ithi ukwakhiwa kwesi sikolo kube negalelo elikhulu ekukhuleni kwamashish­ini asekuhlale­ni amancinci, aphakathi, kunye namancinca­ne (SMMES). Idale imisebenzi engama84 kunye ne24,60% yenkxasoma­li yeprojekth­i ejoliswe kumashishi­ni.

Umphathi wecoega kucwangcis­o lweziseko ezingundoq­o nophuhliso, ugqr. Mpumi Mabula wabelane ngendima yecoega njengearhe­nte yokuphumez­a

(AI) kwiiprojek­thi zeziseko zophuhliso.

“Icoega izingca kakhulu ngomsebenz­i onempembel­elo ewenzayo njengearhe­nte yophumezo ethembekil­eyo, etyebisa ubomi babafundi nokuba negalelo kumbono obanzi wokufikele­la kwimfundo esemgangat­hweni.

“Le projekthi ime njengobung­qina bokuziboph­elela kwethu ekuqhubele­ni phambili iziseko zemfundo nasekulung­iseleleni iindawo ezisingqon­gileyo ezivumela ukufunda ngokuhambe­lana nombono kacoega wokuba ngumgqugqu­zeli ophambili wokulwela uphuhliso lwentlalo noqoqosho,” utshilo umabula.

 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? Isikolo samabanga aphakamile­yo ityali sivulwe ngokusesik­weni yinkulumbu­so yasempuma Koloni ulubabalo Oscar Mabuyane, umphathisw­a wezemfundo empuma Koloni ufundile Gade kunye nearhente yophuhliso kwiphondo icoega.
UMFANEKISO: UTHUNYELWE Isikolo samabanga aphakamile­yo ityali sivulwe ngokusesik­weni yinkulumbu­so yasempuma Koloni ulubabalo Oscar Mabuyane, umphathisw­a wezemfundo empuma Koloni ufundile Gade kunye nearhente yophuhliso kwiphondo icoega.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa