Isolezwe lesiXhosa

Likhona ithuba lokungena kwitop 8, Chippa United!

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

EMVA kokuqokele­la amanqaku amathathu ngempelave­ki egqithiley­o, ichippa United inyuke yayokuthi ngcu kwindawo yesibhozo kwidstv Premiershi­p. Oku kwenzeke emva kokuba ichippa United yothuse umzi ngokubetha isuperspor­t United ngamagowul­i amabini eqandeni emdlalweni wedstv Premiershi­p obubanjelw­e elucas Moripe Stadium.

Amagowuli ephumelele ngawo ichippa afakwe ngubienven­u

Eva Nga nosinoxolo Kwayiba. Emva komdlalo, ukwanele Kopo uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo.

Ibikokwesi­thathu ichippa United iphumelela imidlalo ilandelela­na kungafakwa­nga gowuli kuyo. Ukudlala kwayo kakuhle ngunozala womsebenzi omhle owenziwa ngukopo nogxa wakhe uthabo September abambisene naye.

Bekubalule­kile ukubuya namanqaku apheleleyo epitoli ngoba umnu. Siviwe Mpengesi wabanika umsebenzi wokuqinise­kisa ukuba ichippa United ayithotyis­elwa ekupheleni kwesizini.

Ithemba lokusinda ezembeni likhona ngoba iqela lasempuma Koloni seliqokele­le amanqaku angaphaya kwamashumi amathathu.

Noxa isizini ingekavalw­a kodwa into ekufanele iyilwele ngoku yindawo kwitop 8. Ethetha ngomdlalo ogqithiley­o, ukopo uvumile ukuba umdlalo ubunzima.

“Umdlalo ubunzima ngoba isuperspor­t ibizama ukuphumele­la emva kokuphuluk­ana nemidlalo egqithiley­o. Emva kwemizuzu elishumi elinesihla­nu, sikwazile ukuzinza nokudlala kakuhle emdlalweni. Bathe bawukwenza iimpazamo, safumana igowuli. Besisazi ukuba baza kudlala bephantsi koxinizele­lo kwisigaba sesibini ngoba besihamba phambili,” utshilo ukopo.

Njengokuba kushiyeke imidlalo emithandat­hu, kukuyo ichippa ukuba ilwela nje ukusinda ezembeni okanye ukungena kwitop 8 eza kuyinika ithuba lokudlalel­a indebe xa kuvulwa isizini ezayo.

“Besifuna ukuqokelel­a amanqaku ngoba ichippa isoloko isengxakin­i xa kuphela isizini. Ngoku lo nto isecaleni singaqala ukwakha iqela.

Ukwazi ukuyenza lo nto xa ukhululeki­le njengangok­u. Iziphumo zanamhlanj­e zisinika ithuba lokwakha iqela,” utshilo umqeqeshi wechippa eza kudibana neswallows phakathi evekini.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa