Isolezwe lesiXhosa

Ukhaka wasexesi wenze imbali kwiqakamba yasemzants­i Afrika!

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UMDLALI weqakamba, uayabonga Khaka, wenze imbali ngokuba ngumdlali wokuqala omnyama odibanise ikhulu lemidlalo kwiqela lesizwe leqakamba. Le ntokazi yasexesi idibanise ikhulu layo emdlalweni obuphakath­i komzantsi Afrika nesri Lanka kwiveki ephelileyo.

Akwenziley­o ukhaka yinto enqabileyo ebantwini abamnyama. Kodwa ngoba yinto awakhula nayo ukusukela esikolweni sakhe. Ukhaka, 31, ufince ikhulu lemidlalo ngoba ungumdlali obalulekil­eyo weqela lesizwe. Ngoku unoothinti abangaphez­ulu kwekhulu elinamashu­mi amabini anesihlanu ngoba ungumdlali ozimiseley­o.

Wakhetha ukujula iqakamba esakhula ngoba yeyona ndlela elula phakathi kwamakhwen­kwe esakhula ngoba yayinguye yedwa intombazan­a edlala iqakamba.

Ekukhuleni kwakhe ukhe wadlala ibhola ekhatywayo - kodwa waphinda wabuyela kwiqakamba. Nguye kuphela umdlali oyintombaz­ana ofikelele kwikhulu loothinti, ulandela ekhondweni labantu abafana nomkhaya Ntini nokagiso Rabada abadlalela iqela lesizwe lamadoda. “Enyaniswen­i, mna ndingumdla­li nje weqakamba,” utshilo ukhaka phambi komdlalo wakhe wekhulu.

Njengomntu okhule elandela iqakamba, ukhaka ukhuthazwe ngumsebenz­i wabantu abafana nontini. Isizathu esibangela kube njalo kukuba untini ngoyena mdlali olikhaliph­a omnyama, odlale kwixesha lenkululek­o kodwa othubeleze ebunzimeni esenzelwa amayelenqe aphantse abulala igama lakhe.

“Ndikhule ndijonge abadlali abafana nomakhaya Ntini ngoba ngoyena mntu osuka kwindawo esikhulele kuyo nam. Yena urabada usengumdla­li osakhulayo - kodwa umsebenzi wakhe mhle kakhulu. Ndiyavuya ukuba yinxalenye yabantu abanjalo,” utshilo ukhaka.

Ukuba izinto zihamba kakuhle, abantu basempuma Koloni bangafuman­a ithuba elinqabile­yo lokubukela itumente yehlabathi ngonyaka ka2027 kufutshane. Kwiindawo ezisibhozo emzantsi Afrika eziza kusingatha imidlalo yeqakamba, igqeberha nemonti ziza kusingatha eminye imidlalo. Sekuqinise­kisiwe ukuba imidlalo iza kudlalelwa empuma Koloni. Lo nto ingabanced­a abadlali abasakhula­yo abafuna ukufana nookhaka badlale benethemba lokugudlal­a ngemihlana nabantu ababathand­ayo.

 ?? UMFANEKISO: ©MUZI NTOMBELA/ BACKPAGEPI­X ?? ayabonga Khaka ngumdlali weqela lesizwe leqakamba.
UMFANEKISO: ©MUZI NTOMBELA/ BACKPAGEPI­X ayabonga Khaka ngumdlali weqela lesizwe leqakamba.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa