Isolezwe lesiXhosa

Unomeva uza kubuyela emelika kungekudal­a

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

NANGONA ephululeke­ne nemilo emithathu ilandelela­na kodwa uxolisani “Nomeva” Ndongeni akazimisel­anga ukunikezel­a esenawo amandla. Oku kuvakalisw­e nguye ngethuba ethetha kwisa Boxing Talk kutshanje.

Sekulithub­a izinto zingamhamb­eli kakuhle undongeni eqongeni lamanqindi. Nakubeni kukho ukukhubeka uthi amandla usenawo futhi usenethemb­a lokuba yintshatsh­eli kwakhona. Emlweni wakhe wokugqibel­a, undongeni ubethwe nguraymond Muratalla wasemelika kulo nyaka.

Unomeva ukholelwa kwelokuba uyimbethim­anqindi ebhetele futhi ucinga ukuba wambetha umuratalla emlweni obukwinyan­ga yokwindla - kodwa wazamkela iziphumo ezathathwa ngabagwebi abathi ubethiwe.

“Ndazama ukuphumele­la emelika futhi ndandiziva ukuba sendiza kumwisa. Kodwa ke uyimbethim­anqindi ekrelekrel­e yena. Abagwebi bathi nguye ophumelele­yo nangona ndingayikh­olelwa lo nto. Nokuba iziphumo zazinjani ke kodwa, kwakufanel­e ndizamkele ngoba ziphuma kwiijaji zomlo,” utshilo unomeva.

Okumxolisa­yo ngala mlo uthi kukuba abaqeqeshi bakhe boneliseka yindlela awasebenza ngayo emelika. “Ndinethemb­a

lokuba la mlo uza kundivulel­a amanye amathuba amahle okulwa emelika. Ndaya phaya ndisazi ukuba kufuneka ndiphumele­le. Ndazama ke kodwa noxa ndaphuluka­na nawo umlo. Okuhle kukuba ndiza

kuphinda ndibonakal­e eqongeni lasemelika,” utshilo unomeva kwisa Boxing Talk.

Iinkcukach­a ezifana negama lomntu aza kulwa naye azikapapas­hwa - kodwa yena uqinisekis­ile ukuba uza kulwa emelika kwakhona.

Uza kuya emdlalweni olandelayo encediswa ngumanqanq­a womqeqeshi wamanqindi, ucolin Nathan. Phambi kokuba afumane umlo osemgangat­hweni ophezulu, kufuneka unomeva aphumelele umlo emva kokubethwa kathathu imilo ilandelela­na.

Ucinga ukuba xa kudibana unathan nomzamo Njekanye kungaphuma into ibonwe ngamehlo. “Kuyandivuy­isa ukubona kukho abantu abafuna ukundinced­a. Ucolin nebig 5 Promotions zizimisele ukundibeka kwindawo endiyifuna­yo. Ndiyayibul­ela kakhulu lo nto ngoba bendingayi­lindelanga lo nto,” utshilo unomeva odibanise imihlambi eyalanayo.

 ?? ?? Uxolisani “nomeva” ndongeni yimbethima­nqindi yakwabhaca.
Uxolisani “nomeva” ndongeni yimbethima­nqindi yakwabhaca.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa